Imihlinzo kwiBEE: Ichef yase Britane yenze iburger enencasa okungathi yinyama yomntu
Kukho sisi othile othe akubanjwa wangena kwizitulo zemoto yamapolisa

Lady chewed up upholstrey of a Bonner County patrol car
Losisi ebeyo kulandwa ngama polisa emveni komlo ebenawo nomyeni wakhe. Phofu ungumntu osoloko enento emlalisa ngapha kwezitshixo ngenxa yendlela aziphatha ngayo. Kuthiwa amapolisa othuke sele ezingena izutulo zale nqwelo yawo. Liye longezwa ke ityala lakhe waze wohlwaywa into epha kwi$1,000 USD.
Losisi ngelakhe ngeba uyavala, kanti uzifaka engxakini
Kuthiwa ubone lomfana ePakini ethile waqonda uzaku mvangela. Baye bahlala kwezi zitulo zalapha epakini wacela ukuba bathandaze. Bathe besa nyusa elodini nalosisi weva losisi ukuba lomfana isingathi uyazenzela apha kuye. Wothuke waphantse wokuwa xa evula amehlo ebona ibhulukhwe yalo mfana seyise maqatheni. Uzamile ke ukubaleka kulo mfana ngenjongo yoku fowunela amapolisa. Uqhawulile akubona ukuba eligqiyazana liya phuncuka. Amapolisa afunisa ngaye…
Ichef yase Britane yenze iburger enencasa okungathi yinyama yomntu

British chef makes burgers tasting like human flesh
Kuthiwa eyona nto ikhuthaze ukwenziwa kwale burger kuku phela kwenqubo ebidlala kumabona kude ekuthiwa ngu-The Walking Dead. Kuthiwa ke kukho iinyama ngenyama kulomxube wale burger ngoba kukho kwa nomongo.
Kuthiwa kukho sisi othile oyewa banjwa ngenxa yoku lahla usana lwakhe kwiToilet yanga phandle
Losisi uyewa banjwa emveni kokuba enze lento wayo kuvela enkundleni. Kuthe eselapho enkundleni uMantyi wacaphukiswa kuku xhafuza kwakhe apha enkundleni. Wathi, “Uyabona sisi, into endingazo kuyi thanda ngabantu abatya icheppies apha enkundleni.” Losisi aphike ukuba yena akatyi chappies. Kubuzwe ke ukuba yintoni le ayityayo. Aphendule, “Hayi ukhona umthi endiwu nikwe ngomnye usiyazi…” Kuthiwa uMantyi wathi, “Oh ok ke good. Hayi ke noko ivumelekile ke leyo. Ok ke hlala phantsi…”
SakhiMan noPanado
Badibana eZulwini. Ikhuze ingwenya, “Yeeey! Ufike njani na apha?” Omnye, “Yeeey ngendi buza wena ufike njani…” Athi omnye, “Hay balisa wena kuqala. Ufike njani apha?” Sakhza, “He mfondini ndibulewe yingqele man.” Panado: “Yingqele? Tyhini mfondini, ndivaleleke efrijin.” Sakhza: “Tyhini, oh.”
Panado: “Wena usweleke njani?”
Sakhza: “Uyabona wena mhlobam, uGqabsie ikhona man into ebendiyi krokrela ngaye. Ukhona umfo okungathi unento ayiqhubayo naye. Kang’ba ndaqonda ngalemini mandikhe ndibuye early emsebenzini. Ekubuyeni kwam early ke emsebenzini ndifike uGqabsie, ndabona ukuba uGqabsie wothukile. Abuze ukuba kutheni ndikhawuleze ndabuya nje…kuyo yonke lonto yoku bhuqa phaya endlini ndiye ndawa ezestepsini ndokuwa ezantsi, ndabe ndiya sweleka. Yiyo lonto ndilapha ke mna ke.”
Panado: “Oh kwathini ke ngoku emveni koko?”
Sakhza: “Hay kaloku yiyo lonto ndilapha…wena? Kwenzeke ntoni kanye kanye?”
Panado: “Ey mfondini bendise upstairs nam efrijini pha kwakho. Nto nje uGqabsie uyewa phela ehoya leyakho, ndalibaleka. Yiyo ke lonto ndilapha…”
Yeeey! 🙂
Ukuba uyonwabele nale imihlinzo, ungalibali ukuchazela nabanye kuFacebook, Twitter naku Google+ bazoku zibonela nabo. Cofa leyo uyithandayo iNetwork apha ezantsi. Enkosi 🙂
Sep 25, 2014 @ 00:18:01
Haybo uyazelaphi ba inencasa inyama yomntu??
Sep 25, 2014 @ 08:46:02
Itsho uphinda…! 🙂
Sep 25, 2014 @ 04:15:56
Hahahahaha I wonder incasa yenyama yomntu injani
Sep 25, 2014 @ 08:44:59
Yeeey!
Sep 25, 2014 @ 06:37:24
Inoba kanene bhutiza inyama le yomtu singayfanisa nasiphi islwanyana ngencasa? Heeeey
Sep 25, 2014 @ 07:12:34
Hayi mabethunana inyama yomntu injani
Sep 25, 2014 @ 08:44:29
Yeeey!
Sep 25, 2014 @ 07:32:06
lool ngenzek kudal siytya lo nyama yomnt kwez nyam zingaqondakaliy..!!
Sep 25, 2014 @ 08:43:43
Yeeey!
Sep 25, 2014 @ 07:33:55
Apha kubizwa eza boy zika wrong turn for tasting uba liqobelo na
Sep 28, 2014 @ 03:53:37
Haaaahaaahaaa wndr njn nyama yomntu yeeebethuna
Sep 28, 2014 @ 16:46:54
Lol ayiwanda aba sebeyityile bathini..looooooolz hahaha