Imihlinzo: Kutshate ooMakhulu ababini kule mpela veki emveni kweminyaka eyi70 bethandana
Skeem seBee sithini namhlanje
Nantso ibhasi yaba khenkethi iphuncuka isteering wheel sayo ihamba
Lebhasi iphuncukelwe sisteering wheel sayo ihamba. Ifotwe ngomnye waba khenkethi obekhwele kule bhasi ngelixesha isenzeka lento. Yeey! 🙂
Kutshate ooMakhulu ababini kule mpela veki emveni kweminyaka eyi70 bethandana

Newlyweds in Their 90s
Esisibini siye sakhetha ukutshata ebudaleni baso. Baqala ukuhlala kunye kwiminyaka eyi70 edlulileyo, kanga ngento yokuba kudala becengwa ke phofu zizi zalwane zabo kuyo yonke leminyaka ukuba kutheni benga suke batshate nje. Basithathile ke isigqibo, kule mpela veki idlulileyo baye bazimanya ngeqhina lomtshato.
Sakhi-Man
USakhza uzaku vula isalon yakhe ngale mini. Aqonde tyhini makakhe axhase ingwenya yakhe le inguPanado kule venkile yakhe yeflowers. Acele ke ukuba bamthumelele iflowers kule mpela veki xa evula isalon yakhe uSakhza. Ibelilishwa ke ngoku into yokuba ngale mini kuvulwa isalon le ka Sakhza, kufika le bunch yezo flowers enombhalo ke phofu othi “Hamba ngoxolo.” Ngoku cacileyo bekumele ukuba iya emngcwabeni. Akalila uSakhza emveni koko…kubuzwe ukuba, “yintoni walila ka ngaka na Sakhza?” Iphendule ingwenya, “ixhala lam linye, yinto yokuba inoba ukhona umngcwabo apho kuthiwa sibhiyoza nawe, siku nqwenelela impumelelo kule ndawo uyakuyo intsha…” 🙂 ISemngcwabeni leyo njeng’ba yena efikelwe yile bekumele iphaya. Yeeey! UPanado uyaku hlala engu Panado… 🙂
Ukuba uyonwabele nale imihlinzo, ungalibali ukuchazela nabanye kuFacebook, Twitter naku Google+ bazoku zibonela nabo. Cofa leyo uyithandayo iNetwork apha ezantsi. Enkosi 🙂
Sep 10, 2014 @ 22:32:21
inoba abesenawo namazinyo baphuzana ngezimunyhu isgezo…