Imihlinzo: Isingathi izinambuzane ziza kuba yimpilo eluntwini xa zino kutyiwa, itsho igenge yase Ngilani
Sangena iSkeem nanamhlanje
 Akho ungena mthetheleli: iProfessor yase University of Texas icebisa abantu ababi bamanyane ukuzama ukulwa amathuba abaphosana nawo ngenxa yoku ngabukeki

Ugly-We can help
LoGqirha wale University yase Texas ukhankasa umanyano lwabantu abaxhatshazwa lihlabathi ngenxa yento yenkangeleko yabo ukuzama ukulwa lonto. Ngoba amathuba amaninzi bayawa phosa, umzekelo kwiJob interviews bayazi phosa nazo ngenxa yenkangeleko yabo. Ngokuno kwakhe uthi yiAbuse leyo beku fanele wonke umntu ufumana ithuba elifanayo nomnye umntu. Uthi kuphando alwenzileyo kule minyaka mithathu idlulileyo uqaphele into yokuba, abantu abakhangeleka kakuhle baqikelelwa ukufumana umvuzo ongaphezulu (3-4%) kuna banye abanga khangeleki bebahle, ababi ukutsho 🙂
 Isingathi izinambuzane ziza kuba yimpilo eluntwini xa zino kutyiwa, itsho igenge yase Ngilani

Fried insects at a roadside store
Engilani beku banjwe iExpo kuboniswa izinambuzane, kusa belwana ngamava ngezi nambuzane ezine Vitamins neeProteins kwa nezi tyekayo. Izinambuzane ezifana neeNtethe, iimbovane, iikritsi, njalo njalo. Esona kuphunywa naso esisesona sine protein kune zinye yikritsi. Esisinambuzane sikhuthazwa nango gqirha abanintsi ukuba uluntu masi sitye esisinambuzane. Babonisile ke neendlela zokuzi pheka kwa nezo kwenza izidlo ezifana neDesert zezi nambuzane.
 Kubanjwe abantu abasixhenxe ngokuya emtshatweni wabantu abasimo sinye eYiphutha

Egyptian police
Ababantu baye babanjwa emveni kokuba amapolisa aseYiphutha ebabone kwiVideo yalo mtshato. Kuthiwa baqokelelwe bonke ngevantyi yabakwa ntsasana, bebuzwa ukuba beni yokuthini phaya…hi? Ayivumelekanga eYiphutha into yoku tshata kwabantu abasimo sinye. Yeey!
 Sakhi-Man
Apha ekasi uSakhza kukho letruck isandu fika ayibonileyo imana ipaka imini yonke. Caba ungumshumayeli, ngoku unephupha loku ziqalela eyakhe icawa ngenye imini. Ngoku unento yokumane ebona letruck inombhalo omkhulu njeng’ba emane engena ephuma esiya emsebenzini naxa ebuya emva kwemini. Aqonde man licebo lokushishina eli apha ecaleni kwale truck. Aqonde makayo kuma ecaleni kwale truck amane ebetha umthandazo, noko abantu bakuma xa bemane bedlula. Noko intente yakhe ingakhula xa enokwenza njalo. Ingwenya nyani ime ecaleni kwale truck akhe, akhe, akhe, akhe, akhe…eshumayeza abantu ngezifo ke, ingakumbi esisibhalwe kule truck esithi – Iyeza leAids.
Ashumayele ke uSakhza, aqonde ukuba, ababantu bale truck bayi bukele lento iqhubeka apha. Bamkhwaze, “bhuti kuyo yonke indawo ukhethe ukuba mawuzo kushumayela apha?” Aphendule uSakhza, “Aniwu boni umbhalo kanti lo niwu bhalileyo apha othi, Iyeza leAids?” Bathi, “bhuti sithengisa iyeza leAids apha thina siya kucela ungazo kusi hlolela apha…” Yeey! 🙂
Ukuba uyonwabele nale imihlinzo, ungalibali ukuchazela nabanye kuFacebook, Twitter naku Google+ bazoku zibonela nabo. Cofa leyo uyithandayo iNetwork apha ezantsi. Enkosi 🙂
Sep 09, 2014 @ 10:24:35
Yeeeyi sadla ngondihlusthwa zikiritsi kangak,bendiziphosanisa mos.
Sep 09, 2014 @ 11:33:07
Lol! Tshona kuzo ungabisa jikeleza 😀