Imihlinzo: Indoda yase Kentucky isenga ityhefu kwiinyoka eziyi 500 ubuncinci ngeveki
Sithini iSkeem seBee
Umfundi wase Columbia University uhamba ethwele umatrasi, ‘de kugxothwe umfana owamdlwengulayo kwesi sikolo

Columbia student carry mattress
Kukho inenekazi eladlwengulwayo kwiminyaka emibini eyadlulayo eColumbia University. Eyona nto akhala ngayo yeyokuba lomfana wamdlwengulayo wabanjwa, kunge kudala wanga phandle kunana mhlanje. Ngoko ke elinenekazi lithi lakuwu thwala lomatrasi de agxothwe lomfana kwesisikolo.
Indoda yase Kentucky isenga ityhefu kwiinyoka eziyi 500 ubuncinci ngeveki

Kentucky man milks 600 to 1000 venomous snakes a week
Lendoda owona msebenzi wayo kukusenga ityhefu kwezi nyoka zifuywe kulomzi wezilwanyana. Isenga iinyoka eziyi 500 ubuncinci ukuya kwi waka ngeveki. Kwaye unazo nazi fuyileyo endlini yakhe iinyoka, ziyi 2000 zona ubuninzi…Yeey! 🙂
UMayor wase Arkansas uthi akanguye lomntu bacinga unguye, naye wade wazilibala ukuba ungubani
LoMayor uthi ucela ukuthetha inyani…uthi, “Ndizo thuka izolo ukuba andinguye lomntu bendiba ndinguye. Lomntu niphila naye oko wayeyi mayor ukusukela ngonyaka 2001 ayindim.” Uthi wazi libala nokuba wayeno mfazi, nabantwana yonke lonto leyo. Kwanyanzeleka ukuba amnke endlini yakhe ashiye usapho lwakhe kwiminyaka eyi30 eyadlulayo. Waye baleka ngethemba lokusindisa usapho lwakhe.
KwiReception yomtshato kubanjwe umyeni namdoda amabini

The groom arrested at his wedding reception
Kufaniseke into yokuba umyeni lo ebencwase iwaitress le isebenza kule ndawo. Ebene ndawo ezimane ziyi cofa cofa ke phofu ephatha kufuna ukumpha notywala losisi. Usisi wabantu emane emnqanda ke phofu emchazela nokuba ukhulelwe akana kukwazi ukusela. Kuthiwa, kwalile phaya ethubeni kwafika iqabane lakhe losisi, zanqoza…kwaze ethubeni kwafika amapolisa. Yeey! 🙂
SakhiMan
USakhza ungena engxamile kwaPanado ehamba nehagu yakhe enamanqina amathathu, elesine iliplanga. Ibuze ingwenya, “…and then zikhipha ni ngale hagu?” Omnye, “Hey yihagu yam lena. Yandinceda kusitsha indlu, yandi khupha.” Omnye, “Iyasebenza lehagu man. Ngoku inqina eli lona lesine, kutheni yali planga?” Sakhza, “Lehagu yandinceda kukho inyikima, yandi khupha.”
Panado, “Ngwenya inqina eli lona kwenzeka ntoni ngalo kanye kanye…?”
Sakhza, “Kaloku mamela, xa unehagu egood ka ngaka awuna kuyitya yonke nje, nje, nje uyigqibe ngexesha elinye. Kufuneka umane uyitya nje kanci kanci ngoba igood kakhulu.” Yeeey! 🙂
Ukuba uyonwabele nale imihlinzo, ungalibali ukuchazela nabanye kuFacebook bazoku zibonela nabo.
Sep 04, 2014 @ 12:29:48
Unzima lo umsebenzi shame andinamona
Sep 04, 2014 @ 13:44:33
Hay ngumcimbi Ma’am mpela ukusenga inyoka! Inokuba nezi vubeko zitsho njalo… 🙂
Sep 08, 2014 @ 12:22:38
yho ha a inzima nyan lomsebenzi