Imihlinzo: Ihlosi libhokile kwilali yase India libula abantu abamnyama tixi xa begoduka ngobusuku
Skeem seBEE kuMhlobo: Sithini namhlanje
Ihlosi libhokile kwilali yase India libula abantu abamnyama tixi xa begoduka ngobusuku

Leopard kills drunks on their way home
Kulumnkiswe abahlali bale lali ukuba bayi lumnkele lento yenzekayo. Elihlosi kuthiwa ukusukela kumnyaka 2012 okokoko lisenza into enye, libulala abantu abanxilileyo xa begoduka. Sele libulele abantu aba pha ku12 ubunintsi. Owoku gqibela umntu obulewe leli hlosi limbulele ngoLwesine lo udlulileyo. Bane xhala kakhulu kuba sele kudala liqhawule kwaye noku qhela kwalo inyama yabantu, ingathi lizaku phela seliyeka nokutya izinjana ezi belimane lizinceda kuzo. Isingathi lizaku qiniseka apha ekutyeni abantu, nalo elona xhala abanalo abahlali bale lali.
AmaNdiya abhokile: Amasela aseIndia aqatsele aba ne train le yembala

Missing passenger train
Kuthiwa ilizwe belisa mangele kuku lahleka kweMalaysian Flight MH 310, nawo amaNdiya aqonda ukuba mawongeze kweli nani loku lahleka kwezi nqwelo zithutha abantu. Akulahlekanga bhasi okanye inqanawe, okanye isigadla kodwa kulahleke itrain. Iyoku fumaneka emveni kwentsuku eziyi 17 emaphandleni ase Bihar kulo lwesine udlulileyo.
Ungamthini uEx-ongasolvekiyo

Ex boyfriend cooks ex’s dog
Lomfo unconywa ngoku xaka xa kuthethwa ngaye nomntu obethandana naye. Phezu koko bekwanele kwa abamelwane ngenxa yengxabano ebezi soloko ziqhubeka phakathi kwakhe nalomntu wakhe. Kuthe ke besaku buyelana, lomfo wacela ukuphekela lentombazana idinara emnandi. Kwaze kwathi emveni kweso sidlo lentombazana yaqaphela ukuba ayisa mboni unonjana. Kanti ufluffy uphekwe leli geza lakhe…uphele ebanjwa emveni kwayo yonke yolonto.
URover inja yase Rini oorhunta boyikisa abantu ngayo xa beba phaka inkunzi
Amasela aseRini abhokile wona kuqala. Kuvakele into yokuba baphaka abantu inkunzi beboyikisa ngenja. Kukho umntu odibene nootsotsi ngobusuku egoduka. Kwathiwa “Yeeesss, yeeesss, sicela usinike lofowuni…” Babe besithi, “Sakuyi khulula le nja ukuba awusiniki.” Bamphaka inkunzi ngalo nja amasela aseRini. Yeey!
Ukuba uyonwabele nale imihlinzo, ungalibali ukuchazela nabanye kuFacebook, Twitter naku Google+ bazoku zibonela nabo. Cofa leyo uyithandayo iNetwork apha ezantsi. Enkosi 🙂
Sep 15, 2014 @ 21:33:32
Yhooo buzothini ba bifike kula tarven bukuyo
Sep 15, 2014 @ 23:38:44
Inoba liyasela kwalona klk xa lizawgada abathe abamnyama tixi, alibafunxi liyatsha elo hlosi.
Sep 20, 2014 @ 19:47:29
Eyona nto liyifunayo, ngamathumbu la agcwele utywala, lingatyeba xa lingeza kweliphondo lethu