Imihlinzo: EBirmingaham kuvulwe i5 star hotel yeKati
Le Imihlinzo niyi phathelwa yimi buliso yakwa La Vita:
Ingaba uneLow blood pressure, headache, stress, stroke, period pains, sinus, diabetes, awunamdla wokutya, growth ungakhathazeki sinalo icebo. Sinentlobo ngentlobo zeTea namayeza anaku nceda kwezi zigulo sizi khankanye ngentla. Ukuba unomdla woku fumana lamayeza kunye nezi tea. Nceda qhagamshelana nathi kule nombolo: 074 187 2431
Saku vuyiswa kuku nceda.
Sithini iSkeem seBEE namhlanje
Oonondaba bandwendwelwe liLolwane besa qalisa ukusasaza
Oonondaba base Tennessee bathe besaqalisa inqubo yabo yosasazo ngale ntsasa bothuswa lilolwane libhabha kwesi sikhululo sabo sendaba. Bazamile ke ukuli phepha kodwa beli bapha nje ithutyana babe ngathi baya qalisa ukusasaza libuye lingxamile apha emva kwabo. Siya bona ukuba ikhona lento beli ceba ukuyi sasaza kubemi base Tennessee. Khawuzibukelele nawe apha ngezantsi…
Ukuthakatha kubhokile eZimbabwe
Kukho ilali apho ukuthakatha kuyinto eqhelekileyo eZimbabwe. Eyona nto eyenza imeko ibelolu hlobo ayazeki. Kanga ngento yokuba sele kucingwa mhlawumbi kuku nqwenela ukuba bhetere kwabantu kuna banye kwalapha ekuhlaleni. Kude kwa cenga iChief yalapho ibongoza nabahlali ukuba mabakhe babuyise unyawo kwanele. Kwiveki nje ezintathu kufumaneke omama abapha kumashumi amabini anesithandathu (26) abalele benxibe impahla yanga phantsi kodwa bathe xa bevuka, bavuka bengaze. Lempahla yabo iyoku fumaneka ethafeni, ukuba ibisenziwani okanye ibiza kwenziwani akho waziyo.
Ekuxhaphakeni kwezinto ezifana nezi, uChief uthi kwakhe kwabonwa isikhova sixhwila inja eseyi ndala hayi intshontsho emini maqanda ilanga lihlabe umhlaba (lishushu linjalo ke phofu elo langa la phaya).
Indoda yase Melika yophule iGuinness World Record ngoku bane lwimi olude, oluqikelelwa kwi 10cm

WORLDS LONGEST TONGUE
Lomfo kuthiwa ngoyena unolwimi olude emhlabeni jikelele. Uthi xa eyichaza imeko yakhe xa esaziswa emntwini mhlawumbi ngomnye waba hlobo bakhe ibayinto yokuqala echazwayo ukuba ngoyena unolwimi olude kumntu wonke kulo mhlaba jikelele. Kuye kufuneke enze njalo ukubonisa ololwimi lude, uthi uye mhlawumbi alufake noba kwikomityi ebephunga ngayo.
EBirmingaham kuvulwe i5 star hotel yeKati

The most luxurious cat spa in the world
Kuthiwa kule hotele akhonto ingekhoyo yokonwabisa iikati. Kanga ngento yokuba ziya masajwa, zichetywe neenzipho, zibhafe, zinikwe nee-iPad zisa kugqiba zinikwe nokutya okumnandi. Kuthiwa akho ndawo ifana nale elizweni liphela yoko nwabisa iikati. Zide zibaliselwe namabali la wembala… Yeey! Ndlela le ithathelwe phezulu ngakhona lehotele, ibookings zivaleke kude kube kulo nyaka uzayo.
SakhiMan
USakhza uneminyaka emihlanu etshatile noGqabsie. Uyafika ke ekhaya athi, “Jonga Gqabsie oko ndisitya ndibeka kule minyaka idlulileyo. Ndiza kuthatha ndikuse eChina nkosikazi.” Gqabsie, “Wow Skahza! Xa sesigqiba iminyaka eyi50 inkuba uyaku ndenzela ntoni xa uzaku ndenzela lonto kwemihlanu?” Sakhza, “Hayi kaloku sithandwa sam ndakube ndiyo kulanda apho kulo China…” 🙂
Ukuba uyonwabele nale imihlinzo, ungalibali ukuchazela nabanye kuFacebook, Twitter naku Google+ bazoku zibonela nabo. Cofa leyo uyithandayo iNetwork apha ezantsi. Enkosi 🙂
Sep 12, 2014 @ 07:35:11
Uoscar ndithi mna makagwetywe qha wayembulala ngenjongo
Sep 12, 2014 @ 19:53:25
Aksemnandi kulekati izenza umntu