Imihlinzo: Alitshoni lingena ndaba – Nalo isela liqhekeza kwenye ibar laze labiwa bubuthongo ekhitshini lale bar
Le Imihlinzo niyi phathelwa yimi buliso yakwa La Vita:

La Vita tea
Ingaba uneLow blood pressure, headache, stress, stroke, period pains, sinus, diabetes, awunamdla wokutya, growth ungakhathazeki sinalo icebo. Sinentlobo ngentlobo zeTea namayeza anaku nceda kwezi zigulo sizi khankanye ngentla. Ukuba unomdla woku fumana lamayeza kunye nezi tea. Nceda qhagamshelana nathi kule nombolo: 074 187 2431
Saku vuyiswa kuku nceda.
Sithini iSkeem seBEE kuMhlobo namhlanje
Ndoda ithile ifumene isidudla sebhatala evela kwinkampani zeeAir Lines emveni koku sweleka kwenkosikazi yayo

Wife denied flying because of her weight at 3 airlines
Esisibini sasiye eholideyini eBudapest ngonyaka 2012. Behamba ngenqwelo moya yakwa Delta Air Line, kodwa kuthe xa kuphela ixesha lolu hambo kwa fumaniseka into yokuba akho Air Line ifuna ukuba khwelisa ngenxa yobu khulu benkosikazi yalomfo. Phofu, phambi kokuba bagoduke iye yagula inkosikazi yalomfo yalu fumana uncedo koogqirha balapho. Baye bamcebisa ukuba athi akufika ekhayeni lakhe adibane nogqirha wakhe ngenxa yempilo yakhe emaxongo. Kwanyanzeleka ukuba bakhe bahlale kule dolophu de bafumane iflight enoku bathwala. Lithe lingeka biphi ixesha yasweleka inkosikazi yalo mfo. Le ndoda iphele ibasa emagqwetheni yaze yawongwa ngesixa esipha kwi$6,000,000.
Ukuchitha ixesha, eneneni akuzange kwanceda mntu

Ipozi yakulo Themba Adams ingumboniso kwiMuseum yase Bhayi
UThemba Adams banjwe into epha kwiminyaka emibini. Wothuke waphantse wokuwa ekubuyeni kwakhe xa ebona iPozi yako wabo kwiMuseum yase Bhayi. Ngoku uzama indlela yoku buyiselwa konke okuko kwakhe, iPozi le yako wabo ngamafutshane. Nangona bemalela ukumnika, uThemba uqinisekile uzakulu fumana uncedo nokuba kunini na. Kwaye nezi tshixo zako wabo usenazo…
Ingcali zenze iteapot yechocolate, esebenzayo ke phofu

Chocolate Teapot
Kwzi veki zidlulileyo besikhe sani bonisa itoilet eyenzwe ngechocolate. Hay’ke umgangatho uya usonyuka naba abanye bona benze iteapot yechocolate kulomjikelo. Kwaye iyasebenza, ayingo mboniso wayo yiteapot esebenzayo.
Alitshoni lingena ndaba: Nalo isela liqhekeza kwenye ibar laze labiwa bubuthongo ekhitshini lale bar

Police-Boozy-burglar-passed-out-drunk-at-bar
Lomfo kuthiwa uqhekezile kule bar watya, watya, watya, wade wagqithisa wamnyama tixi. Kuthe ethubeni akoyisakala waqonda ukuba makakhe athi qwa nje kancinci uyaku buya athathise apho aphele khona. Yeeey! Khange kube kudala umnini bar ufowunele amapolisa ekuzeni kokusa ewachazela ngalomntu utipe etafileni yekhitshi lakhe. Abakwa ntsasana bafike ingwenya isanabile, isanambitha ilekese imnyama tixi… 🙂
SakhiMan
OoSakhza base klasini. Athi umiss wabo, “Sakhekile njeng’ba ugeza kangaka nje, khawundi balisele ijoke ibenye.” Sakhza aphakame akhe, “ndinazo ijokes zabantu abanga phangeliyo, kodwa uninzi lwazo azisebenzi.” Lol! 🙂 Aphakame uPanado kuba engafuni ukogqithwa, “mna miss bendiye kwagqirha izolo ndathi ingalo yam yophuke kwindawo ezimbini. Wathi ugqirha wam ndinga phinde ndiye kwezo ndawo zindo phulayo miss…” Lol! 🙂
Ukuba uyonwabele nale imihlinzo, ungalibali ukuchazela nabanye kuFacebook, Twitter naku Google+ bazoku zibonela nabo. Cofa leyo uyithandayo iNetwork apha ezantsi. Enkosi 🙂
Sep 12, 2014 @ 07:13:14
Ndivuke ndicinga ugcobani wam